Request edit access
UPhando: Kwi-intanethi izenzo/unobangela wokufa phakathi kwabantu abasebenzisa uFacebook eMpuma Koloni eMzantsi Afrika
Olu phando lobugqirha lwenziwa yiRhodes University School of Journalism & Media Studies. Ifuna abantu abasebenzisanayo abazalelwe,nabakhuliselwe, nabahlala, okanye abanobudlelwane bosapho lwaseMpuma Koloni ukuba babelane ngamava wa I kunye neembono zabo ngezenzo zokufa kwabantu kuFacebook ngokuphendula le mibuzo yoluntu. (Ubude bexesha: +-15minutes). Lemibuzo ikwakhona ngesiNgesi ngena kwelikhasi: Research Survey: Death Practices Among Eastern Cape Facebook Users in South Africa - Google Forms Lombhalo uguqulelwe nguLindokuhle Mnqayi: lindokuhlemnqayi50@gmail.com Umhla wokuvala uphando: 01 March 2024 
Olunye ulwazi malunga noluphando

Ingcaciso: Olu phando lwe-PhD lubuza ukuba izenzo zokufa (izibhengezo zokufa, izijwili, izikhumbuzo kunye nezinye) ingqikelelo zokufa eMzantsi Afrika ezichazwa kwisayithi yezonxibelelwano, eyaziwa ngoku ba nguFacebook, zingabandakanywa nazo kwimo yefilosofi yase-Afrika kusetyenziswa iindlela zophando.

Ummandla wophando: Ifilosofi yaseAfrika, izifundo zeendaba ezikhoyo, i-ethnografi yedijithali, izifundo zokufa kwedijithali, uphando loyilo

Umphandi: Robyn Perros

Umphathi: Professor Anthea Garman

IDyunivesi: Rhodes University, Makhanda, South Africa

Imvume yoluphando: Olu phando lunikwe imvume yokuqhubekeka yiKomiti yeDyunivesirhi yaseRhodes Human Research Ethics. Inombolo yokuvunywa: 2023-7097-7534

Indima yakho koluphando

Inxaxheba yakho inamandla yokwenza ugalelo elixabisekileyo kuphando olukhulayo lwehlabathi jikelele lwezifundo zokufa kwedijithali; ukuphembelela ishishini lokufa lendawo kunye nomgaqo-nkqubo weendaba zentlalo ezijikeleze ukufa kwi-Intanethi; incedise ekuboneleleni ngengqiqo yenkcubeko entsokothileyo kubudlelwane obuntsokothileyo phakathi kokufa kunye nobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano (ICTs) eMzantsi Afrika.

Phambi kokuba uphendule lemibuzo qala ujonge oku kungezantsi:

* Oluphando ngokuqhelekileyo alubinamagama wabantu abaphendulayo. Umphandi akayi kukwazi ukubona igama lakho okanye idilesi ye-imeyile xa ufaka le fomu, ngaphandle kokuba unikezele ngayo.

* Unganikeza ngolwazi oluninzi okanye oluncinci njengoko uziva ukhululekile ukwabelana. Onke amabali obuqu aya kuphathwa nje ngemfihlo kunye nenkathalo.

* Imibuzo ongaziva ufuna ukuyiphendula wamkelekile ukungayiphenduli.

* Ungayirhoxisa inxaxheba yakho kolu phando nangaliphi na ixesha ngokuqhagamshelana nomphandi.

*Nceda uqwalasele impilo-ntle yakho kunye nemeko yakho yengqondo/yeemvakalelo phambi kokuba uthathe inxaxheba kolu vavanyo. Nceda undwendwele Bereavement Support - PatchSA or The Compassionate Friends xa ufuna olunye ulwazi mhlawumbi ulidinge.

Indlela yonxibelelana nomphandi

Ukuba unqwenela ukuqhagamshelana nomphandi malunga nesi sifundo nceda uzive wamkelekile ukuba uthumele i-imeyile kuRobyn apha: robynperros@gmail.com

Ndiyaqinisekisa ukuba ndizifundile ezinkcukacha zingentla ngolwimi endiluqondayo kwaye ndivuma ukuthatha inxaxheba Loly phando ngoku Thando kwam nangomngcipheko wam: *
Next
Clear form
Never submit passwords through Google Forms.
This content is neither created nor endorsed by Google. Report Abuse - Terms of Service - Privacy Policy